Monday, April 28, 2008

XHOSA

1800 - Xhosa

NDIMELWE KUKUTHINI NA, UKUZE NDISINDISWE?

Arranged in the Very Words of Inspired Men

1. KHOLWA kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho (Izenzo 16:30,31). Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo (KumaHebhere 11:6). Ke yena ongakholwanga, wogwetywa (UMarko 16:16). Kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu. (UYohane 8:24. Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lutile ngokukokwalo (EkaYakobi 2:17).

2. GUQUKANI ... ngabanye egameni (Izenzo 2:38). Ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke (ULuka 13:3,5). uThixo ... kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke (Izenzo 17:30). Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini (Izenzo 11:18).

3. NGOMLOMO, ukuze asindiswe (KwabaseRoma 10:10). Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindoswa (KwabaseRoma 11:9). Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini (UMateyu 10:32). Weba unguye uKristu (UMateyu 16:16). Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo. (Izenzo 8:37).

4. UBHAPTIZO ngokomfuziselo (KaPetros I 3:21). Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa (UMarko 16:16). Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo (UYohane 3:5). Kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yathe wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele (KuTito 3:5). Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono (Izenzo 2:38). Ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho (Izenzo 22:16). Nabhaptizelwa yo kuKristu (KumaGalati 3:27). Sabhaptizelwa ekufeni kwakhe (KwabaseRoma 6:3). Ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha (KwabaseKorinte II 5:17).

5. NIKUKHANUKA OKUKWEHLABATHI, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku; silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristo, owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle (KuTito 2:12_14).

Kuba nindikhumbula ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo. (KwabaseKorinte I 11:2).

UBABALO LWENKOSI YETHU U YESU KRISTU malube nani nonke. Amen (Isityhilelo 22:21). Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuyo umzi. (Isityhilelo 22:14).

Arranged by J.D. Phillips

----------------------------------------------------------------------

2868 - Xhosa

ITHE KE YONA?

Izenzo 8:26-40

26. Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango. Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya, ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem.

28. Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.

29. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo,

30. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya: wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?

31. Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.

32. Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni, Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe.

33. Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa; Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe? Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.

34. Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na?

35. Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zika Yesu.

36. Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa?

37. Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo.

38. Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza.

39. Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya.

40. Ufilipu ke wafunyanwa eAzoto; watyhutyha ilizwe, eyishumayeza imizi yonke iindaba ezilungileyo, wada weza eKesareya.

No comments: